Ngentseni yangoLwesine umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeThupha, iCandelo elijongene noLwaphulo-mthetho eGqeberha libambe umrhanelwa obandakanyeka kumatyala amabini okubulala axelwe ngoMvulo wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeThupha kulo umiyo eKamesh.
Oku kulandela emva kokuba amadoda amabini aneminyaka engamashumi amabini anesine (24) kunye namashumi amane ananye (41) ubudala adutyulwa abulawa kwisitalato i-Kersogie ne-Fiskaal, e-Kamesh, ngoMvulo.
Ngokweenkcukacha, kukho izityholo zokuba abarhanelwa baye basondela kwindlu apho umfi kunye nelinye ixhoba babemi khona phambi kwendlu. Omnye wabarhanelwa udubule, umfi, nelinye ixhoba laqalisa ukubaleka. Umfi uEmmanuel Ralph Uithaler oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala ufunyenwe emva kwendlu enamanxeba eembumbulu. Elinye ixhoba labaleka laza lafumana inxeba lokudutyulwa kwingalo engasentla yasekunene.
Kungekudala emva kokuba amapilisa aseKamesh eye kwindawo yexhwayelo kwisitalato iKersogie , babizelwa kwindawo yesigameko e-Fiskaal Street, apho bafumana umzimba ka-Shaun Meyer oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ekhitshini unamanxeba okudutyulwa. Ngokweenkcukacha eziqokelelwe kwindawo yokuqala, ixhoba libaleke langena emva kweyadi kaMnu Meyer kwisitalato iFiskaal kwaye lilandelwa ngabarhanelwa. Iimbumbulu zadutyulwa kucango olungasemva, kwaye uMnu Meyer wabhubhela kwakuloondawo.
Uphando olukhawulezayo ngabacuphi lukhokelele ekubanjweni komrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) namhlanje malunga ne-04:40 eKamesh. Oku kulandela emva kokuba amapolisa ephanda la matyala mabini okubulala enzeke eKamesh ngoMvulo. Uphando olunzulu lwakhokelela ekubanjweni kwakhe kwaye wabekwa ityala lokubulala.
Uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseKariega ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amathathu (30) kulenyanga