Ithathe ubomi babantwana abaThandathu (6) ityhefu ebisekutyeni eRhawutini.

Isebe lezempilo eRhawutini livakalise ukuxhalaba ngokwanda kwamatyala okutya ityhefu kubantwana, ingakumbi ezilokishini, kwiindawo zamatyotyombe nakwiihostele. Oku kuza emva kwesiganeko apho abantwana abasixhenxe (7) bangeniswe kwisibhedlele sommandla iThelle Mogoerane ngoLwesine weveki ephelileyo ngenxa yokurhanelwa ukuba batyhefekile ekutyeni.

Abathandathu (6) kubantwana sele bebhubhile, ngelixa omnye ekwimeko emaxongo. Isithethi seli sebe uMotalatale Modiba uthi abanini beevenkile zasekuhlaleni kufuneka bathobele imigangatho yezempilo.

UModiba uthe, ngoku esi siganeko sixhalabisayo ingakumbi ukuba ujonga ukuba ukusukela kweyoMdumba ka-2024 bana namatyala angamaKhulu amabini anesixhenxe (207) achaphazela abantwana athe axelwa kwiphondo liphela kwaye ndicinga ukuba lo ngumkhwa oxhalabisayo esiwubonayo. Ukwathe, isebe liye langenelela ngokuba namaqela ajongene nempilo yendalo esingqongileyo asebenzisana noomasipala basekuhlaleni ukuze baqhubeke nokuhlola nokukhuthaza noosomashishini abancinci, iivenkile zeSpaza njalo njalo ukuba bathobele imimiselo efunekayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA