Zombini iimbaleki zoMzantsi ezisaze ngobuso elizweni ziphunmelele iindondo, uNkoane noBayanda.
Abadlali abazimbakeki zoMzantsi Afrika nabasaze ngobuso elizweni benze ezibukwayo kwilizwe lasePeru kwidolophu yaseLima ngethuba bephumelela iindondo kwimidyarho ebebethatha inxaxheba kuyo.
Imbaleki yodumo uWalaza nobesanda kuphumelela imbasa yesilivere kwelaseFrance eParis kwiiOlimpiki kumdyarho weRelay kumgama wamakhulu amabini emitsi (200m), ngoku lembaleki ibuye negolide emva kokungena kwindawo yokuqala kwabo baneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini (U/20) ubudala.
UBradley Nkoana nowaphumelela naye noBayanda Walaza isilivere kwi-olimpiki eParis kulonyaka uphume kwindawo yesithathu (3) yena obuye nendondo yebronze.
UBradley uneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala, ebengoyena umdala ngethuba bebaleka kukho nababini (2) abaneshumi elinesixhenxe (17) ubudala yena ophume kwindawo yesibini (2), kumadoda ngowaseThailand uneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala.
Lenjinga yehlabathi uBayanda nefunda ibanga leshumi (Grade12) kwisikolo sasePitoli iCurro Hazeldean noneminyaka elishumi elinesibhozo (18) kuphela ubudala ungene ezintanjeni ngemizuzwana elishumi kwakunye neshumi elinesthoba (10:19).
Ophumelele kumanina ngoLwesine nguRaid waseJamaica kwelamarasta.
By Siphiwo Boqwana