ITyala lePhala Phala: Ingqina likarhulumente lityhola ukuba lagrogriswa ngaphambi kokuba enze ingxelo yamapolisa.

By Esona Magawana.

Kwityala labantu abathathu abatyholwa ngobusela bemali yangaphandle kwifama iPhala Phala, kukho ubungqina obuphuma kwingqina loMbuso elityhola ngokugrogriswa ngaphambi kokuba likhuphe ingxelo yalo emapoliseni.

U-Imanuwela David kunye nabantakwabo uFroliana kunye noNdilinasho Joseph bajongene namatyala anxulumene nokuqhekeza ngo-2020 apho kwabiwa amakhulu amahlanu anamashumi asibhozo amawaka (580,000) eedola zaseMelika kwifama kaMongameli, eLimpopo.

Kusuku lwesibini lwetyala, indoda ekutyholwa ukuba yathutha umtyholwa ukusuka eLimpopo ukuya eRhawutini ime emaplangeni inika ubungqina.

Umtshutshisi kaRhulumente wasebenzisa icandelo lekhulu elinamashumi asibhozo anesithoba (189) loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho emva kokubalula ukungangqinelani phakathi kobungqina bomlomo bengqina kunye nengxelo yakhe yamapolisa ebhaliweyo.

Ummiselo uvumela inkundla ukuba inike amangqina angasebenzisaniyo nombuso isohlwayo okanye ukuvalelwa entolongweni, ukuba umantyi ubona kufanelekile.

Liphendula imibuzo, ingqina lixelele inkundla ukuba laliphantsi koxinzelelo ngethuba liqala ukuncinwa ngamapolisa.

“Ndiyifundile le ngxelo. Qha nje eminye yemibuzo endiyibuzwayo, ibuzwe kum ndisephantsi koxinzelelo kuba kufike abantu abathile ekhayeni lam befuna umtyholwa wokuqala (u-Imanuwela David). Kwafika abantu abaninzi, bendoyikisa, befuna umtyholwa wokuqala,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA