By Nyameka Lamani.
IGwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) entolongweni indoda yaseLimpopo ngokubulala inkosikazi yayo kunye nentombi yakhe yinkundla ephakamileyo, eLimpopo.
UWilfred Moruthanyane Nkadimeng oneminyaka engamashumi amathandathu ananye (61) ubudala, waseBurgersfort, ufunyenwe enamatyala amathathu okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala.
Inkundla igwebe uNkadimeng iminyaka engamashumi asibhozo anesithathu (83) iyonke, ezakuqhuba ngaxeshanye. Kwakhona wabhengezwa njengongafanelekanga ukuba abe nompu.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eLimpopo, uMashudu Malabi-Dzhangi, uthi uNkadimeng uwakhanyele onke amatyala.
“Nangona kunjalo, ubungqina obuthiwe thaca nguRhulumente buveze ukuba ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyoMsintsi ngo2022, eBothashoek, wadubula unkosikazi wakhe awayengasahlali naye, uThemia Clara Morema, emva kwengxabano, emva koko wadubula wabulala uTlou Solomon Molokomme, owayefike kwindawo yexhwayelo, waza kamva wadubula nentombi yakhe engumntwana umfazi aze naye emtshatweni uNomasonto Morema,” utshilo uMalabi-Dzhangi.
Uthe uNkadimeng ukwazama nokudubula umntu ogxamesayo kodwa wamphosa.
Esandisa isigwebo, usekela-mlawuli wezotshutshiso, uAdvocate Lethabo Mashiane, uye wanikezela ngeengxelo zempembelelo kwixhoba eziqulunqwe ligosa lamalungiselelo enkundla uMorongwe Moifo, eziqaqambisa isiphumo esibi sokubulala ngenkohlakalo.
Inkundla yeva ukuba uThemia wayeyintsika yosapho lwakhe, echazwa njengomntu ebebumba ikhaya. Ukufa kabuhlungu komama nentombi yakhe kwalushiya usapho lutshatyalalisiwe kwaye kwanyanzeleka ukuba bathabathe uxanduva lokukhulisa umntwana kaThemia nabazukulwana.
UMashiane umi ngelithi amatyala ayecwangciswe kwangaphambili, enziwa phantsi kobundlobongela basekhaya, kwaye ukwala kukaNkadimeng ukuvuma umonakalo awenzileyo kuthethelela isigwebo esiqatha.
Kusenjalo, umlawuli wezotshutshiso eLimpopo uAdvocate Ivy Thenga ukwamkele ukugwetywa kukaNkadimeng.
“Ayinakuze igxininiswe kakhulu indlela obubaluleke ngayo ubomi bomntu, kungoko siza komelela ekulandeleni la matyala ukuze abe sisithintelo kwabo bafuna ukuba ngababulali,” utshilo.
UThenga ukwancome uMashiane kunye negosa lophando, uSajini Lerato Lefala weTubatse SAPS, “ngomsebenzi wabo omhle”.

