Ugwetywe ubomi entolongweni umdlwenguli waseMpuma Koloni ogqugqisa kwiphondo liphela ngezityholo zokudlwengula, kunye nokuqhekeza indlu ngeenjongo zokudlwengula.
Ibambela leJaji uLydia Monakali ugwebe uSipho Mjuza, oneminyaka engamashumi amane anethoba (49) ubudala, kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho ngoLwesibini umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeKhala. Ugwetywe ubomi bonke ngesityholo sokudlwengula ixhegokazi kunye neminyaka engamashumi amabini anesithathu (-23) eyongezelelweyo kwityala elahlukileyo lokudlwengula kunye nokuqhekeza indlu.
Ngokwamaphepha enkundla, ezi zidlwengu zenzeka eBhisho, eZwelitsha, eMakanda eDimbaza, nakuCentane ukusuka kweyoMsintsi ngo2008 ukuya kutsho kweyoMnga ka2015.
Uninzi lwabamangali ibingoomama abasele bekhulile, abanye abakwazanga kunika ubungqina kuba bephethwe sisifo sengqondo esiyingozi. UMjuza wangcungcuthekisa la makhosikazi ngokuqhekeza emakhayeni abo emva koko wabadlwengula. Abanye babamangali bakrwitshwa, okanye babethwa.
Wabanjwa waze wagwetywa ngetyala elinganxulumani nalo lokudlwengula kunye nokuqhekeza ikhaya elenzeke ngomhla weshumi elinesithathu kweyoMnga ngo2015 eMonti.
Ngokwengxelo yabeendaba zeAlgoa, iDNA kaMjuza yafakwa kuvimba weenkcukacha zeLabhoratri yeNzululwazi yakwaForensic. Waye wadityaniswa nezityholo awayegwetywe ngazo ngoLwesibini kamva, ngobungqina beDNA.