Usekwiinzame zokuvulela isoka elimbethele uGqirha nezicaka uEzile Ndzule oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, oyinzalelwano yaseMqanduli. USihle Ndzule ongudadewabo Ezile, uthi ukwazile ukuthetha-thethana noEzile ngelimcebisa ukuba andwendwele ikhliniki ukuze akwazi ukuyovula ityala.
Oku kuza nanjengoko kujikeleze kumaqonga onxibelelwano amarhe okuba ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi kulo umiyo, uEzile wabhaxabulwa lisoka lakhe elineminyaka engamashumi amane (40) ubudala, wamshiya ebhondi-bhondi umzimba wonke ngenxa yokuba intombi yakhe imtyhola ngokukrexeza. Iingxelo zidiza ukuba ingxabano yezizinqanda-mathe iqale ngenxa yomyalezo obonakele kwimfono-mfono yomrhanelwa. Nangona kunjalo ixhoba alikh
USihle Ndzule kudliwanondlebe nabe EC Indaba uthe kwityeli lokuqala ecela ukuba udadewabo ayokuvula ityala, uvele wacela kweyabantwana esithi woyika into anokuyenza xa enokubambisa umtyholwa. UNdzule uthi usekwilinge lokungcambaza nodade wabo ukuba ade alivule elityala ngakumrhanelwa. Ekwaveza nobuzaza balenyewe ngokuba esithi abahlali ndaweni inye kodwa zonke ezinzame uzenza ngokomnxeba
Kusenjalo olwela amalungu amanina nabantwana ophuma kwiKhula Development Project Petros Majola uthi, ngamanye amaxesha abantu ababhinqileyo baye bazixhomekekise kakhulu kwinkxaso yabantu abangamadoda. Esithi kuba khona amathuba apho ixhoba lizakucetyiswa ukuba liyokuvula ityala okanye amaxwebhu okhuseleko kwabezomthetho (protection order) uthi ke amaxesha amaninzi amaxhoba aye aquqe ebuyelela kubaxhaphazi babo ngenxa yeemeko ezithile.
UMajola uthi awukwazi ukulinyanzela ixhoba ukuba lenze oko, kuba ngokommo, ixhoba lilo elicima ityala okanye elibuyela kumhlukumezi walo.. Esithi ke isisombululo kukuba kuthethwe nexhoba kwaye liye kwabakwasidlodlo ngokokuthanda kwalo. Ecebisa kananjalo amanina ukuba angalinyamezeli uhlukumezo naphantsi kweziphi na iimeko

