Owayesakuba ngumongameli kunye nenkokeli yombutho weMK, uJacob Zuma, uzakube ekumaphepha ovoto ngosuku lolonyulo.
Oku kuza emva kokuba inkundla yolonyulo ngoLwesibini umhla wethoba (9) kuTshazimpuzi isikhabile isigqibo se-IEC sokumisa inkcaso yaso yokuba avele kuluhlu lwabagqatswa bombutho woMkhonto weSizwe uJacob Zuma yeNdlu yoWiso-mthetho.
I-IEC yathi uZuma wayengafaneleki ukuba lilungu lePalamente ngenxa yokugwetyelwa kwakhe ukudelela inkundla kunye nesigwebo seenyanga ezilishumi elinesihlanu (15) ngo-2021.
Ngomhla wesibini (2) kuTshazimpuzi umbutho woMkhonto weSizwe (MK) wathi uzakubhena kwisigqibo seKomishoni yoNyulo eziMeleyo (IEC) sokuxhasa inkcaso ebekwe ngokuchasene nowayesakuba ngumongameli, oyinkokeli yombutho weMK uJacob Zuma njengomgqatswa walo mbutho kuluhlu lwabantu abaza kungenela umbutho ePalamente emva kovoto lwangomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe.
Isithethi sombutho we-MK uNhlamulo Ndlela kwantlandlolo besibetha ngenqindi phantsi sibonakalisa ukuzethemba walombutho ngakwisibheno sabo. Phakathi kwezinye zezinto awazikhankanyayo uNdlela wathi, “Siza kubhena, amagqwetha ethu ayijongile kwaye kudala eyijongile lento, sijonge ukubaluleka kwayo kwaye siza kufaka isibheno ngokufanelekileyo.”
“UMkhonto weSizwe njengombutho, nanjengoko ubusazi ukuba uhambe kwinkqubo yenkundla esathi sayiphumelela kwiNkundla yoNyulo, uzakuba kwiphepha lokuvota, yinto enye ekufuneka icace ukuba akukho uluvo lokuba ubuso bukamongameli Zuma okanye ubuso benkokeli kufanele ukuba bube kwiphepha lovoto kwaye ndicinga ukuba yimbono engalunganga ngayo. Olona phawu okanye uphawu lombutho wezopolitiko luzakubakhona, ngoko ayibobuso bomntu,” utshilo uNdlela.

