Iprojekthi yamagqala omkhosi iDuncan Village Military isungulwe ngokusesikweni izolo umhla we 19 eyoKwindla 2024 kumsitho wokuphethulwa kwesoyi kwidolophu yase Monti eGompo. Usodolophu olawulayo kumasipala ombaxa weBuffalo City, uCeba uPrincess Faku ebekunye namalungu ekomiti kasodolophu, amagosa kunye namagqala omkhosi nabo bebezimase lo msitho.
USodolophu olawulayo uFaku uthe lamagqala omkhosi ngoku azakuba nendawo anokuthi ayibize amakhaya. Uninzi lwalamagqala kuthiwa ahlala kumakhaya angasemva kwezindlu, ematyotyombeni kwaye abanye abanamakhaya.
uFaku uphefumle ngelithi banikezela le projekithi konokontraka abazokukwakhela lamagqala amakhaya, ukanti lamakhaya azakuxabisa amaKhulu amathandathu anamahlanu amawaka (R650000) ukuya kumaKhulu asiXhenxe amawaka (R700000). Wongeze ngelithi lamagqala afanelwe kokungcono nentlonipho, kuba balwela inkululeko yoMzantsi Afrika.
Uqinisekiso lwabaxhamli luqhutywe liSebe lePhondo lokuHlaliswa koLuntu kuquka neSebe lezoKhuselo kunye namagqala oMkhosi.
Kungoku kukho amagqala oMkhosi angamaShumi amathathu (-30) avunyiweyo kuleprojekthi yaseDuncan Village eza kwakhiwa eGompo.
Zizonke izindlu ezizakwakhelwa amagqala omkhosi ziya kuba liKhulu elinamanci asixhenxe anesithoba (-179).
*Anita* *Qubula*