11.9 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Uqhankqalazo lweminyaka luneziqhamo njengoko ilali yaseTshoxa ifumana isikolo samabanga aphakamileyo esitsha

Kuvulwe ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo Vukile Tshwete exabisa izigidi ezingama-R56 kuQoboqobo emva kweminyaka esibhozo yomzabalazo.

Uqhanqalazo emva koqhanqalazo lugqibe ekubeni lube neziqhamo kuluntu lwelali yaseTshoxa kuQoboqobo. Isikolo samabanga aphakamileyo iVukile Tshwete esisanda kwakhiwa ngemali exabisa iR56 yezigidi zeerandi sivulwe ngokusesikweni ngoLwesihlanu weveki ephelileyo nguMphathiswa wezemfundo uFundile Gade.

Abafundi baqale bawathatha ngenkani amanye amagumbi okufundela ngelixa ayesakhiwa ngoJuni ka-2022.

“Bekungxamisekile ukuba abafundi bafudukele kwesi siseko sitsha,” utshilo u-Itumeleng Mothlabane, intloko yephondo leEqual Education, nothe waxhasa lo msebenzi.

Isakhiwo esidala samaplanga sasidilika; amagumbi okufundela amaninzi ebengenazo iifestile; iisilingi zazidilika. Ingqongwe ngamatyholo, le ndawo ibingakhuselekanga kubafundi kwaye isikolo sihlala sitsala nzima ngenxa yokuqhekezwa.

Ntlandlolo, abeendaba badiza ngemeko zesi sikolo ngo-Epreli ka-2016 phantsi komxholo othi, Isikolo sethu seenyoka nezigebenga.

Ngenyanga kaCanzibe ngo2016, kwaphuma iingxelo ngendlela abafundi baseVukile Tshwete naseQonce High, abencediswa yiEqual Education, abafaka amaphepha kwiNkundla ePhakamileyo yaseBisho benyanzelisa uMphathiswa uAngie Motshekga ukuba enze ngokwemigaqo yemimiselo yeziseko zophuhliso ezikolweni.

Abafundi nabazali baye babamba uqhanqalazo oluninzi ukusukela ngo-2016, befuna isikolo esitsha. Baphinde bachonga i-Arhente yoPhuhliso lwe-Coega, i-arhente ephumezayo, abayigxekayo ngolibaziseko.

Usihlalo webhodi elawula isikolo uAndile Maki uthe esi sikolo sasungulwa ngokuzincama kwabantu abadala abafaka izibonelelo zabo zezentlalo. UMaki uthe “ekugqibeleni bayayibona le nto bebesokola ngayo.”

Uthe basafuna ubuncinane amagumbi okufundela ongezelelweyo amathandathu. Esi sikolo sinabafundi abamalunga nama-760 kunye nootitshala abali-17. Iphumelele imatriki engama-79% kulo nyaka uphelileyo. Inamaqela amantombazana ombhoxo kunye nebhola ekhatywayo.

Inqununu yesikolo uSibulelo Ngcawuzele uthe, “Sihambe umgama omde”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
82 %
3.4kmh
100 %
Thu
12 °
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
12 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks