22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Ibibambe intlanganiso yoluleko lwezakhono lwamanina iSonke Gender Justice kuCentane

UMbutho ongenanto yakwenza noRhulumente eMpuma Koloni iSonke Gender Justice, ngoLwesine ukuya ngoLwesihlanu ububambe intlanganiso yoluleko lwezakhono lwamanina asebenza kwizikhundla ezisemagunyeni ekuhlaleni.

Lentlanganiso nebibanjelwe kwindawo yokuphumla kuCentane iWavecrest, yenzeke ngempumelelo ifundisa ze ixhobise amanina. Kaloku mandulo kwiSizwe sabantu abamnyama amanina ayengavunyelwa ukuphatha kwizikhundla eziphezulu kuba zazilungiselelwa ootata kuphela. Kudala ukubona umtu wasetyhini eyiNkosi okanye enguMfundisi webandla yayilisikizi kwaye yayingamkeleki konke konke. Ukanti ngoku kwixesha esiphila kulo nelineMigaqo Siseko eyasekwayo nguRhulumente wenkululeko neyenza ukuba amanina angene kwizikhundla zokukhokela kwanokuphatha xa kunyanzelekile. Kodwa nangona kunjalo kusekho uxinzelelo kwanokungamkeleki eluntwini oluthile ingakumbi ekuhlaleni ngenxa yesiqhelo sengqondo nesiyingcambu yemithetho yamandulo.


Sihleli phantsi noNkosi uSokapase, nongowasetyhini, ophetheyo, nosibalisele kabanzi ngobunkokheli bakhe. “Utata zange abenaye umfana, koko ukusweleka kwakhe kwanyanzeleka ndingene esikhundleni.” Oko ke Kulapho ke iqela leSonke Gender Justice lingena khona, lixhobise kwaye liqinisekisa ukuba amanina nolutsha abaziboni bechasekile kwizinto ezibalulekileyo ngenxa yesini.

ULeo Mthobi, nobengumququzeleli walentlanganiso ekunye noVuyokazi Gonyela baqinisekise ukuba amanina abeyinxalenye yalenkqubo aphuma efunde lukhulu ukuze akwazi ukulwela amalungelo abo abafaneleyo ekuhlaleni kwaye baqinisekise ukuba okuqhubekayo nangemicimbi yohlahlo lwabiwo mali yoluntu bayazibandakanya.

Phakathi kwamanina abekulenkqubo yiNkosi uHonjiswa Sokapase; uMfundisikazi Mtila Nandipha; uCeba Nonkosinathi Mtayisi; Nolly Mbewana; Ncumisa Ngalo ukubalula kwabanye.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks