21.9 C
King William's Town
Thursday, April 4, 2024

Kuxhonyiswe umfama nancuma naye KwaNjoli

Amapolisa aseMpuma Koloni azingela abarhanelwa abathathu ababandakanyeka kuphango oluxhobileyo ngoLwesibini umhla wesibini KuTshazimpuzi, kwifama yakwaNojoli, eyayifudula iyiSomerset East.

Isithethi samaPolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi umlimi oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithoba (79) ubudala ebetyisa iinciniba phambi komzi wakhe Xa amadoda amathathu awayexhakamfule ngesixhanti umsebenzi wakhe, eza kuye.

Uthi umfama kunye nomsebenzi onamashumi amathathu anesibini (32) ubudala banyanzelwa ukuba bangene endlwini baza babotshelelwa. UNaidu uthi isinqanda-mathe salo mfama esineminyaka engamashumi amane anesixhenxe (-47) ubudala sinyanzeleka ukuba sivule isefu napho bathathe umpu wokuzingela, ivolovolo kunye nemali.

Ukanti abarhanelwa baphinde bathatha oomabonakude ababini kunye neeselfowuni ezimbini babaleka ngeveni yalo mfama yohlobo lwe-Isuzu. Amapolisa abongoza nabani na onolwazi lokuncedisa kuphando akaqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane naye.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.9 ° C
21.9 °
21.9 °
41 %
3.1kmh
0 %
Thu
22 °
Fri
19 °
Sat
13 °
Sun
16 °
Mon
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks