17.5 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

USOMASHISHINI OSAKHASAYO UKHALA ESIMANTSHIYANE

USOMASHISHINI OSAKHASAYO UKHALA ESIMANTSHIYANE KUKWEHLA KWESHISHINI LAKHE KWAYE UCELA UNCEDO

Usomashishini osakhasayo nongumhlali kwilali yaseHanover eBisho, uSiphosihle Nokonya uthi ucela inkxaso kwishishini lakhe lokuthengisa imifuno awaliqala ngonyaka ka2018 ngeenjongo zokugxotha ikati eziko nokuxhasa ekuhlaleni.

Uchaze ngendlela elishishini lakhe eliluncedo ngalo ekuhlaleni esithi “ukuqala kwam ndaqala ngokuthengisa amakhaphentsu ndixhaswa ngabazali bam kunzima kunjalo bengathathi ntweni, kodwa ndiqhubile neshishini ndifumana inkxaso eluntwini bethenga apha kum kwaye ndithengisele neevenkile zabantu bokufika.”

Ukungafumani nkxaso kumasebe kaRhulumente kuyenye yemingeni ajongene nawo nanjengoko ibhizinisi linamahla ndenyuka, akhona amaxesha apho kunqongophala izinto zokusebenza ukuquka izithole zokulima ezibangela ukunqumama kweshishini.

Loka Nokonya uthi kudala ecela inkxaso kumasebe kaRhulumente kodwa abuye nelize ,uzikhuthaze ngelithi “ndichaphazeleka kakhulu kwaye andikwazi ukubheka phambili kodwa kunjalo nje andinikezeli”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
54 %
5.6kmh
73 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks