16.3 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Iya isoyikeka iGqeberha ngenxa yokubulawa kwabantu

Isebe lezempilo eMpuma Koloni libambe ongezantsi ngumothuko emva kokuva ngesiganeko sokudutyulwa kubulawe uGqr Bantu Noqekwa eGqeberha phezolo.

Lo gqirha noneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala uhlaselwe kwindawo asebenzela kuyo yabucala kwilokishi yaae Zwide.

Kuvakala ukuba udutyulwe ngoonqevu abangaziwayo ze emva koko wabhubha ngenxa yokwenzakala kwakhe zimbumbulu.

Isebe lezempilo lixheleke kakhulu zeziziganeko zokudutyulwa kuhlaaelwe abantu ingakumbi kolu ukubulawa kooGqirha abaluncedo ukuphilisa uluntu kweezempilo.

Kananjalo Isebe likwafumanise ngokuphangwa okwenzeke komnye uGqirha nogama linguTabata eNjoli izolo. Naye oku kwenzeke eGqeberha.

Isebe lithi”Siyathuthuzeleka kuba ubomi bakhe busindisiwe, nangona sinokucaphuka nangokwenzakala kwakhe emphefumlweni sesisiganeko.

UMphathiswa wezeMpilo uNomakhosazana Meth uzigxekile izenzo zolwaphulo-mthetho ezibini.

“Sihlaba ikhwelo kumapolisa ukuba angalibali, koko abambe abenzi bezi zenzo zolwaphulo-mthetho.

“Sithumela amazwi ovelwano kusapho lakwaNoqekwa, izihlobo, oogxa bethu kunye nezigulana. Olu hlaselo lungenangqiqo kubasebenzi bezempilo kufuneka luphele,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.3 ° C
16.3 °
16.3 °
91 %
1.8kmh
91 %
Fri
16 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks