23.2 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Yobhanka yoVimba kuphela kweli enelungelo lokwenza okanye itshabalalise imali

Abemi boMzantsi Afrika bazakuqala namhlanje ukufumana imali eyenziwe ntsha njengoko ibhanki enguvimba kweli iReserve Bank igqibe kwelo.

Lebhanki izobe uluhlu okutsha kraca lwemali kunye neengqekembe ethi iyaziphucula kwaye kuqinisekiswa nokhuseleko lwemali kubuqhophololo obukhoyo.

Olutshintsho ke, ibhanki ithembisile ukuba izakusigcina isidima nembeko kongasekhoyo moliqhawe leli loMzantsi Afrika uNelson Mandela xa kungcinwa ubuso bakhe kulemali.

Itheko lokuphehlelelwa kwalemali ephuculweyo le ‘Imali Yethu’ belibanjwe ngenjikalanga yangoLwesithathu kwiNelson Mandela Foundation eHoughton eRhawutini, kwaye izinyaswe ngamagosa eBhanki enguVimba, izithwalandwe zeMandela Foundation, iRhuluneli yeBhanki enguVimba uLesetja Kganyago kunye nosekela mphathiswa wezezimali uDavid Masondo.

Uluhlu lwangoku lwemali ekhoyo kaMandela lwakhutshwa ngonyaka ka2012 lulandelwa luchungechunge lwesikhumbuzo sango nyaka ka2018.

Imali endala nesezandleni zomtu, isaqhubekeka ukusebenza kwaye abantu bangayilahli okanye bayitshabalalise. Yobhanka enguvimba kuphela enelungelo lokwenza okanye itshabalalise imali.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
23.2 ° C
23.2 °
23.2 °
59 %
2.8kmh
3 %
Fri
24 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
32 °
Tue
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks