Intsokolo ingenza abantu benze amanyala, kambe bathathe izigqibo ezimanyukunyezi nezothusayo kuba befuna ukufezekisa amaphupha nokubeka ukutya etafileni.
Oku sikubhala emva kokufumana ingxelo eyothusayo, nengaqhelekanga eyenzeka kweli loMzantsi Afrika kuba abantu befuna imali. Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, ikhasi lezonxibelelwano iEzitshisayo yenza udliwano-ndlebe nomzali wentwazana esakhulayo nesiqikelela ukuba ikwiminyaka engamashumi amabini ubudala yasePhillipi ngesiganeko esenza kuye nabahlobo bakhe.
Umzali nogama linguPhumeza Mhlanga, uthi wothuswe ngumtwana xa engena endlini ekhala, embalisela ukuba inguye nomhlobo wakhe badibene namadoda angaziwayo ephethe imipu sele ebuza impahla yabo yangaphantsi ukuba iphi kwaye mabayikhuphe babanike.
Uthi umtwana xa ebalisa, oku kwabothusa kwaye becinga ukuba abanqevu bayadlala. Hai ke londlalo yajika yayinyani xa omnye koonqevu ethe wahlohla isandla sakhe phakathi kwamathanga abo ekhangela lempahla kwaye eyifuna inegazi.
Ngethamsanqa ababantwana bobabini bebengekho sexesheni, yabe kukusinda kwabo kulomhlola wokukhuthuzwa igazi.
Sithetha nje kumakhazi ezonxibelelwano zikhona iintengiso ezithile nezibonakalisa ukuba lento, ikhona kwaye iyenzeka.
Abanye nabangamangqina walemihlola bathi baninzi oonqevu abacela amantombazana iziqhusheki zabo zangaphantsi kambe abanye besithi mababathengisele. Esisimanga sigcwele nakumakhasi ezonxibelelwano kukho amakhasi aheha uluntu ekwenzeni lomkhuba ungaqhelekanga.
Video Credit: Ezitshisayo




