Izingqi ziyavakala, uze kakubi uZungula

Iqela lezoPolitiko iATM lizikhalimele kanobomi izigrogriso ezijoliswe kuMongameli walo uVuyolwethu Zungula. Oku kusemva kokuba kuphume ingxelo yeliqela ingqina ngokwenene umyalezo ongene kuZungula, nogrogrisa ngokumbula kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, egrogriswa ngamagwala azifihle ngaphaya koonomyayi.

Lomyalezo nongene ngenjongo zokoyikisa lenkokheli, ufike kwindoda endala, nengoyiki ngokoyikiswa nanjengoko uZungula neqela lakhe bagqibe kwelokuba bavule ityala kwisikhululo samapolisa saseGoodwood eNtshona Koloni ukuze ingalo yomthetho idlale indima yayo. Nangona kunjalo uZungula uyaqhuba nemisebenzi yakhe esabela apho abemi boMzantsi Afrika bambiza khona lomzuzu elinde amapolisa enze umsebenzi wawo.

I-ATM ithi izithathela ingqelelo ezizigrogriso kwaye ifuna nabemi boMzantsi Afrika bayazi into eyenzekayo xa abantu bengaboni.

“Ukuba ukukhathala kwethu, ukubeka phambili abemi boMzantsi Afrika kuwo onke amacandelo ezoqoqosho kusifikelelisa kwelinqanaba, makube njalo, kuba asiyi kujika” utshilo uZama Ntshona nosisithethi salombutho.

IATM ikwatyhola ikrokrela iziphakamiso zayo ngakuMongameli weli kumba wePhala-phala ukuba inganguwo owona mthethela wezizigrogriso. Nangona kunjalo iATM ithi izakuqhuba ukulwela abemi boMzantsi Afrika kwaye ayizikoyika ukwenza umsebenzi wayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA