17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Iyaqhuba nakulonyaka iBerlin November kwaye iphethe izimuncu-muncu

Urhoxisiwe umsitho wokusungulwa komxholo weFashoni yeBerlin November ibiyinxalenye yokubhiyozela iminyaka elishumi ,kananjalo umlanyaziso ukutsho oko ifotoshoot yasimahla izakuqhubeka ngokwezicwangiso kubathathi nxaxheba abangaphezulu kwamashumi amahlanu abhalisiweyo ngentsimbi yeshumi elinanye ngomgqibelo kwibala lomdyarho eBerlin.

Ngalo mlanyaziso( photoshoot) abaququzeli bafuna ukubonisa ubuchule kunye nobuhle babantu beli ngelixa beqaqambisa ubuhle bemidlalo yamahashi.Lendlela yobuchule ivumela abantu abasuka kumaphondo ahlukileyo nanjengoko icwangciselwe ukuba iqhubeke kumaphondo amathathu, , le fotoshoot izakuqala iqhubeke kweliphondo leMpuma kapa ngomhla wamahlumi amabini anethoba kulenyanga.

Abaququzeleli balomsitho bathi ngokungathandabuzeki lo msitho uyakusebenza kwiyantlukwano yoMzantsi Afrika kunye ne talente kuluntu kwamahashi kunye neshishini lwefeshoni.
Abakhweli bamahashe kawonkewonke athembisa ukuba ngumcimbi omkhulu oquka ukulima umdibaniso wamahashi,ubugcisa boluntu obulinganayo, iimoto zakudala kunye nezintofontofo, abantu abadumileyo kunye noluhlu lwezixhobo ezibonisa zombini ifashoni kunye nobuchule.

Ingxelo:Athule Mangena

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks