19.2 C
King William's Town
Friday, October 11, 2024

Umsasazi kamabonakude uLisa Pepe wenze into entle

Ibiyi mini yochulumamco kuYanga Zondani emva kokudibana nomnye wabantu ajonge kubo ebomini bakhe uLisakhanya Pepe ongumfundi wendaba zeSABC.

Ibiyimini enkulu kwintwazana yePhondo leMpuma Koloni engama linguYanga Zondani emva kokutyelelwa ngusaziwayo kwezosasazo uLisakhanya Pepe eQonce. LokaPepe uthi wafumana umyalezo osuka kuZenande Mbau olekelwa nguYanga emxelela ngendlela athandwa ngayo yilentombi. Emva kobona lonyalezo nowamchukumisayo uLisakhanya, uthi nangona engumntu oxakekileyo kodwa wazithembisa ukuba uzokuzama ngako konke okusemandleni akhe ukufezekisa aminqweno kaYanga.

UYanga nowaziwa ngoYaya yintombi eyazalwa nokukhubazeka kodwa nangona kunjalo, isimo sakhe asiphazamisi ulonwabo lakhe kunye namaphupha. UYaya nokhuliswa ngumakhulu wakhe emva kokuswelekelwa ngutata wakhe phakathi kuka 2015/2016 owayemthanda kakhulu, lo ntlungu yiyo eyamomeza ngexesha leCovid-19.

UYaya unephupha lokufunda ngobuxhakaxhaka balemihla(computer) nanjengoko uLisa emchazile. Usapho lukayanga luzamile ukumsa kwisikolo samabanga aphantsi iVukuhambe kodwa ngenxa yesimo sakhe isikolo saphefumla ngelithi asizokwazi ukumfundisa. UZanande uphefumle ngelithi nangona engazange akwazi ukulwela amalungelo kaYanga, nakubo bonke ubunzima abadlule kubo nomakhulu wakhe, kodwa yena uYaya umbona uLisakhanya Pepe nje ngomntu omkhuthazayo ebomini najonge kuye.

Intombi yaseMaqwathini uLisakhanya Pepe ithi bezizehlela nje iinyembezi ngethuba etyelele lentwazana kuba ebona indlela uYaya amxabise ngayo. “Mna andingomtu uzibona ebalulekile tu ingakumbi kunabanye abantu, kwaye ndide ndingayihoyi lonto, kodwa oku ndikubone kuyaya kundichukumisile” utshilo uLisa Pepe ngethuba sincokola naye.

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
30 %
4.6kmh
63 %
Fri
27 °
Sat
34 °
Sun
31 °
Mon
16 °
Tue
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks