Nangona iPirates inenqaku ekuhambeni kodwa iCity ayizukuba yidyalafesi inyama yedada.
NguWafa Wafa namhlanje kwiNdebe yokuqala yesizini xa iOrlando Pirates izakube ihlinzeka iCape Town City kumabala iOrlando eSoweto ngentsimbi yesithathu emva kwemini ngalemini yangoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga ephelayo yeThupha 2024.
La maqela mabini eza kulomdlalo womlenze wesibini emva kokubambana ngenqaku elinye macala kumlenze wokuqala weMTN8 phakathi evekini ngoLwesithathu ezintsukwini umhla wamashumi amabini anesibhozo eKapa.
Abahlinzeki kulomdlalo beza besethembeni kakhulu kuba bedlalela ekhaya kwelinye icala benenqaku ekuhambeni nto leyo enokwenza ukuba bawuphumelele umdlalo wanamhlanje ukuba lamaqela kuphela umdlalo bentanganye ngalamanqaku beqengqa amaqanda namhlanje.
Izakube ingumdlalo wesihlanu lona kwiPirates oko kuqale isizini, ukhumbule ukuba eliqela libethe iSupperspot United ngamanqaku amathathu kwelinye kumaqela asibhozo okugqibela.
Laphinda iBhakabhaka lazibhuqela kanobomu iqela laseMadagascar iDiciples ngamanqaku amane kwiqanda emva kokubambana ngeqanda macala kumlenze wokuqala ekuhambeni.
Abahlinzeki nabakhuseli balendebe bazakufuna ukuqhubeka nokuphumelela kulezini kunjalo nje ukuba kwenzekile bawuphumelele lomdlalo bazakube bengena kumagqibela kankqoyi kwindebe amatyeri amahlanu iisizini ezimbini zilandelelana.
Iqela leeCitizens liza kulomdlalo amaphaphu ephezulu kunjalo nje bengeyodyalafesi inyama yedada emva kokuba bebonakalise obayo ubunganga ngethuba bedlalela ekhaya kumlenze wokuqala apho bebuye ngasemva balinganisa amanqaku becutha ityala lokuba bangafiki namhlanje eSoweto banyuke umnqantsa, ngumdlalo wabo wesibini lona kubafana baseKapa emva kokubetha iSekhukhune United kwiveki yesibini kulenyanga iphelayo namhlanje yeThupha, nalapho babedlala kumaqela asibhozo okugqibela kwiMTN8.
Ukuba abandwendweli bangaphumelela bangaba liqela lokuqala ukukhupha IPirates kwiminyaka emithathu.
Abadlali ababini kweliqela laseNtshona Koloni abazukwazi ukubakho kulomdlalo omnye usalinde isiqinisekiso sokuba engummi wangaphandle osebenza kwelilizwe uAmadou Soukona, yena uCarlinhos usanase umonzakalo awufumene ngethuba ezilolongela ukuqala kwesizini akakaphili.
Kubadlali abatsha bezikamagebhula uDean van Rooyen akakwazi kudlalela amaqela amabini kwindebe enye nanjengoko ebedlalela iStellies kumdlalo wokuqala walendebe kungoko engazukwazi ukudlala kulendebe de iyokuphela, yena uGilberto waseAngola lithuba lakhe eli ingakumbi bedlalela ekhaya.
NguOlisa Ndah umdlali onokujongwa okhutheleyo nokhokelayo kwibhakabhaka kanti kungajongwa uJaedin Rhodes kwiiCitizens nodlala phambili uyingozi kakhulu.
Kwimidlalo elishumi elinesibhozo phakathi kwalamaqela mabini bebebambana isihlandlo sethoba ngoLwesithathu eKapa.
IPirates ayikabethwa yiCity oko baqala elidabi labo kwiminyaka esibhozo egqithileyo, abahlinzeki bayibethe iCity izihlandlo ezine eOrlando.
By Siphiwo Boqwana