Iqela labaselula leChilli Boys linomqeqeshi omtsha nozakuzibamba zitshisa ngomso
Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni nelizinze eGqeberha iChippa United ingqinile ukuba ityumbe umqeqeshi omtsha kwiqela leDiski kwiMDC kwiqela elincinci labo lophuhliso, lowo nguEric Carlos Mtshamba.
UCarlos waziwa kakhulu ngokusebenza nolutsha kwibhola ekhatywayo kwiAcademy yophuhliso kubantwana abasakhulayo. Lomqeqeshi uzakuqiniseka ngokubumba iqela eliluqinileyo labantu abatsha kwibhola ekhatywayo labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ananye (U/21) ubudala kwiMpuna Kapa jikelele ngokutsho komlawuli weeChilli Boys uMpengesi.
UMtshamba uncede ngokuphuhlisa phakathi kwabadlali singabalula uSphelele Tetu nokwimboleko kweliqela leChippa esuka kwiqela lebhola ekhatywayo laseSkotilanti iLivingston.
Olunye utshintsho olwenziwe nguSiviwe Mpengesi ongumnini weliqela lelokuba eliqela labadlali abangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ananye (U/21) ubudala lizakuyishiya iGqeberha liyokuzinza eMonti nalapho lizakusebenzisa elinye lamabala aseBuffalo City xabedlala imidlalo yabo.
IChippa United encinci izakudlala neMarumo Gallants ngentsimbi yeshumi (10h00) kusasa ngoMgqibelo, umhla wamashumi amathathu ananye (31) xakuphela le inyanga yeThupha.
UKwanele Kopo ngumqeqeshi oyintloko yoompondo zihlanjiwe beChippa, yena uThabo Septemba abe ngusekela mqeqeshi. Kubonakala ngathi iChippa izimisele ukutyhila kwelinye iphepha kulesizini ngendlela eyenza ngayo.
By Siphiwo Boqwana