Izakwakhiwa iPalamente yabantu emva kweminyaka emibini yatshayo.

Kungapha kweminyaka emibini emva kwesinganeko sokutsha kwePalamente eKapa, esi sakhiwo sinikezelwe kwikontraka ukuba iqalise isigaba sokuqala sokwakhiwa ngokutsha.

Kwiinyanga ezintandathu emva komlilo, iNdlu yoWiso-mthetho kunye neenxalenye zeNdlu yoWiso-mthetho endala yayingafikeleleki.

Inye kuphela indoda – uZandile Mafe – owabanjwa wabekwa ityala lobunqolobi kunye nokutshisa phambi kokuba kamva abhengezwe ngugqirha ukuba akakulungelanga ukuvela enkundleni. Lo mlilo watshisa igumbi, amagumbi ekomiti kunye nee-ofisi zamalungu ePalamente.

Kodwa kwiiofisi ezingamakhulu amabini aneshumi (210), ezilikhulu elinashumi amahlanu anesihlanu (155) sele zibuyiselwe ukuza kuthi ga ngoku. Malunga neebhiliyoni ezintathu zeerandi ekulindeleke ukuba ichithelwe kwiPalamente yabantu enamaziko akumgangatho wehlabathi, kuquka neziseko zokusasaza ezikumgangatho ophezulu.

By Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA