Izikolo zikarhulumente zibongozwa ukuba ziqhube unyulo lweSGB luka-2024 kule nyanga

ISebe leMfundo esiSiseko libongoze zonke izikolo zikarhulumente ukuba zigqibezele izicwangciso zazo kwaye ziqhube unyulo luka-2024 lweBhunga loLawulo lweZikolo (SGB) kule nyanga.

Oku kuhambelana neGazethi kaRhulumente eyakhutshwa kunyaka ophelileyo. Iqinisekisa imihla yonyulo.

Isithethi seli Sebe uElijah Mhlanga uthi uphando lubonise ukuba izikolo ezinee-SGBs ezisebenzayo ziyagqwesa kwiimetrics ezahlukeneyo, kuquka nendlela eziqhuba ngayo ezifundweni.

“Abazali, ootitshala nabasebenzi abathatha inxaxheba ezikolweni bayabongozwa ukuba nabo bathathe inxaxheba. Ngaba uyavuma ukuba wonyulwa okanye unyule umntu othile, kodwa owona myalezo ubalulekileyo ngowokuba wonke umntu obandakanyekayo esikolweni uyabongozwa ukuba abe nomdla kwimicimbi yesikolo ngokuya ezintlanganisweni aze aqinisekise ukuba ngomhla wonyulo, udlala indima yakho ukuze ilizwi lakho livakale,” ucacise watsho uMhlanga.

UMphathiswa wezeMfundo uAngie Motshekga uphehlelela uNyulo lweSGB lowama-2024:

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA