11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Uthi ufuna ukunceda abaphelelwe lithemba owagaxeleka kwiziyobisi nokuthengisa ngomzimba ngenxa yemphatho-gadalala eMonti

UNolubabalo Mbebe ubhabhela emafini ngentshisakalo yokulangazelela ukunceda abo baziva bengakhuselekanga nabafumana impatho gadalala emakhaya, ezikolweni nasekuhlaleni jikelele kwiphondo leMpuma Koloni.

UMbebe wavula iqumrhu elingayekanga nzunzo ku kurhulumente i-Purpose and Identity ngonyaka ka 2018. Uthi iinjongo zakhe kukunceda ngempilo yompefumlo, ukunika intuthuzelo nethemba, ukulwa nokutyiwa kweziyobisi, kunye nokulwa kokuhlukunyezwa kwabantwa namanina

UNolubabalo Mbebe uthi iphupho lakhe lokunceda liqale esakube eve ulwamvila kwimvelaphi yakhe engantlanga, nto leyo eyadala ukuba anganqweleli mntu nto embi

Eminyakeni yokuvela kuka Mbebe emhlabeni utyhola ukuba utata wakhe wamphika esesesiswini, umama yena wayomshiya kumakhulu wakhe eneentsuku ezimbalwa ezelwe.

“Ndithe xa ndeminyaka esibhozo wabulawa umama wam ngumntu ancuma naye ngezembe entloko ndakhuliswa ke ngumakhulu phantsi kweentshutshiso ngentlukumezo zabantu bakulomama bendibethwa ngamanye amaxesha ndingenzanganto, Ndibiswa yonke into elahlekileyo….umakazi ethetha amabi kuphela kum, amagama afana no “soze ubento, usisilingo, asikwazi noba uyimbewu yeyiphi indoda” utyhola ngelitshoyo

UMbebe uthi uthe xa eneminyaka minyaka eli – 15 wadlwengulwa ngamadoda amabini enye yanqanda enye, kanti nayo ifuna ukwenza kwalento inye. Ethetha ne EC Indaba UMbebe utyhola ukuba “zange ndixelelemntu ngoko kuba ndandingafuni ukongeza izithuko ezivela kumakazi.

UMbebe uthi kobobuthuba wafumanisa ukuba usuleleke yintsholongwane ka Gawulayo (HIV) kwelinye icala wabe ekhulelwe.

Nangona kunjalo UMbebe uqinisekise ngelithi umntwana yena wayengezizo iziphumo zodlwengulo kodwa ingowomfana owayencuma naye, owamqhata kwantlandlolo wathi uyamthanda ze wakholelwa kuba ekhaya kwakungekhomntu umthandayo.

“Andikwazanga ukuba ngumama emntwaneni wam ngenxa yoxinizelelo lwengqondo elwalundibangela ndifune ukumbulala unyana wam kuba isikhalo somntwana sasindiphambanisa ndaphela ndinikela ngayo kuloyise” utshilo

“Udlwengulo lwandihlukumekaza INGQONDO lwandityumza umphefumlo ndabhenela kwiziyobisi, Njengabanye abatya iziyobisi ndandingakwazi ukukhuthuza abantu ukuze ndifumane iziyobisi ngoko ndaphela ndithengisa ngomzimba ukuze ndihlale ndinazo iziyobisi” utshilo

Ethubeni UMbebe uthi wazimanya ngeqhina lomtshato notata womtwana wakhe. Utyhola ngelokuba emtshatweni wayebethwa imihla nezolo ngumyeni.

“Ndithe ndakudlula kuyo yonke le nhyikityha kwabekeka kum ukuba mandivule iqumrhu elingajonganga nzuzo kurhulumente i-Purpose and Identity nezinze kwiklinikhi yabucala yase Unjani eReeston, phantsi konesi uNoBomi Nini, kwidolophu yaseMonti kumasipala ombaxa waseBuffalo City.

Xasivala umdliwo ndlebe no Mbebe uthe “Kodwa ke iingqinamba nemiqobo esijongene nayi kukungabi nandawo yosebenzela imali kwakunye nezixhobo zosebenza”

Esithi nabani na odinga uncedo okanye ongabonelela ngalonto anayo angaqhakamishela neli qumrhu seernolubabalo@gmail.com

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks