Owayesakuba lilungu lebhodi ye-SAA, uYakhe Kwinana, ubuyele eNkundleni.

By Nontando Ntsevu.

Owayesakuba liLungu leBhodi yeNqwelo-Moya yoMzantsi Afrika, uYakhe Kwinana, ubuyele kwinkundla kamantyi waseMonti, eyofaka isicelo sebheyile.

Isicelo sihlehliselwe uMvulo, emva kokuba urhulumente ecele ixesha lokumchaza.

Urhulumente kulindeleke ukuba uyichase ibheyile. Kodwa igqwetha likaKwinana lixoxa ngelithi ukugcina umxhasi wakhe eluvalelweni kuya kubangela “umkhethe nokwenzakala ngakumbi.”

UKwinana ubanjwe eRhawutini kwiveki ephelileyo ngezityholo zobuqhetseba, ubusela, ukonakaliswa kwempahla, kunye nokukhomba ngompu. Oku kunxulumene nezinto ezenziwe eMonti.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA