Kubanjwe abantu ababini malunga nokubulala owayesakuba yi-Olympian yoMzantsi Afrika

Amapolisa enze inkqubela ekubulaweni kowayesakuba yiNtshatsheli yeOlimpiki yeHlabathi uJacques Freitag. Kubanjwe abarhanelwa ababini eMpumalanga malunga nokubulawa kwakhe.

Owayesakuba ngumdlali weOlimpiki uFreitag waalahleka kwinyanga ephelileyo waze kamva wafunyanwa eswelekile kufutshane namangcwaba aseZandfontein ePitoli West.

Wafunyanwa enamanxeba eembumbulu.

ISithethi samapolisa aseRhawutini uBrenda Muridili uthe aba babini babanjwe kwindlu yeendwendwe eSabie ngentsasa yangoLwesibini apho bebezimele khona.

Kwingxelo yangomhla weshumi (10) kweyeSilimela, i-SAPS ithe amapolisa aseHercules afumene izigunyaziso zokubamba uRudie Lubbe kunye noChantelle Oosthuizen ekukholelwa ukuba babeselubhacweni kulandela ukufunyanwa komzimba kaFreitag ngomhla wokuqala kweyeKhala.

Aba babini bazakuvela kwinkundla kamantyi yasePitoli kungekudala ngezityholo zokubulala kunye nokuceba ukubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA