By Nyameka Lamani.
Iinzame zamapolisa zokususa imipu engagunyaziswanga eluntwini ngoLwesithathu umhla wesithathu (03) kweyoMsintsi ziyeza neziqhamo xa amalungu ePublic Order Policing (POP) aseMthatha ebambe abarhanelwa ababini kwiziganeko ezahlukeneyo kwindawo yaseBonde, kuGatyana.
Kwisehlo sokuqala, amalungu asebenze ngolwazi malunga nompu okrokrelwa kwindawo yokuhlala eBonde. Ekufikeni kwabo apho, amapolisa afumene indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala ephethe umpu we-9mm kunye nenombolo yayo eyimfihlo, imagazini enembumbulu. Umrhanelwa akakwazanga ukunika amaxwebhu asemthethweni alo mpu kwaye wabanjwa kwangoko.
Kwisehlo sesibini, esinganxulumananga nesi kwangolo suku lunye, amapolisa alandela ezinye iinkcukacha zobuntlola kwenye idilesi ekuloo ndawo. Kuphando, babamba indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala efunyenwe inompu oyi-.303, nenombolo yesiriyeli engafumanekiyo, kunye neembumbulu. Umrhanelwa akakwazanga ukukhupha iphepha-mvume lompu kwaye wavalelwa eluvalelweni.
Bobabini abarhanelwa babanjwe kwangoko kwaye bazakuvela kwinkundla kamantyi kuGatyane kungekudala ngezityholo ezimalunga nokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwelayisenisi.

