19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Kubanjwe abarhanelwa ababini kwiziganeko ezahlukeneyo eNgqeleni

Kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo, kwiingingqi ezohlukeneyo eziphantsi kwecandelo lamapolisa eNgqeleni, kufunyenwe iimoto ezimbini ezibiweyo, enye ikhutshiwe inxalenye yayo kunye nompu ongekho mthethweni othe wafunyanwa kumrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala, ukanti kwesinye isiganeko sangoLwesithathu umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala.

Amalungu ombutho waseMthatha Flying Squad neK9 aphendule kwisiganeko seveni eyabiwa kwingingqi yaseQhasa ngethuba kuphangwa indlu yaza yabhaqwa kwindawo yaseSazinge, eNgqeleni ngenjika-langa yangoLwesibini, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala kulo umiyo. Iveni yohlobo lweToyota ikhululwe inxenye kwaye akubanjwanga mntu, yaza le veni yabanjwa ngamapolisa. Ngaphandle kwescrapyard ekufutshane, amapolisa ajikelezisa iveni yohlobo lweNissan ebonisa ngokucacileyo ukuba ibibiwe eFlagstaff kwaye yabanjwa.

Kuphando, amapolisa afumene umpu ongenampepha-mvume eNgqeleni kwaze kwabanjwa umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala.

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseNgqeleni ngomso umhla wesibini (2) KweyeThupha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks