19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Kubanjwe abarhanelwa abane(4) ngezityholo zokubandakanyeka kudushe oluvala indlela eDutywa

Kwiinzame zokuphelisa ulwaphulo-mthetho kwiindlela zesizwe eMpuma Koloni, inkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika ibambe abarhanelwa abane (4) abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesibini ukuya kumashumi amahlanu anesibini (22-52) ngokuqweqwedisa iilori ngenjongo yokuzisebenzisa njengezixhobo zokuvala u-N2. Indlela yesizwe phakathi koMthatha neGcuwa eDutywa.

Esi sehlo senzeke ngenjikalanga yangoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini kuCanzibe ngo2023 malunga nentsimbi yeshumi elinesine kufuphi neColosa, ilali yeKumkani uHintsa neNgxakaxha ngaphandle nje kwaseDutywa. Ngokwengxelo abarhanelwa ekukholelwa ukuba bangabasebenzi bombutho woonoteksi basekuhlaleni, bebebeke iliso ezi lori ngethuba zidlula eDutywa, bazimisa benyanzela abaqhubi ukuba banikezele ngezitshixo ukuze benze izenzo zabo ezingekho semthethweni zokunqanda. indlela.

Abaqhubi belori abaliqela baye baba ngamaxhoba alo mkhuba ngoLwesihlanu nanjengoko beshiywe bevaleleke ngabarhanelwa bebafaka kwizoyikiso ezingavakaliyo ukuze bangaxhathisi. Ngokuhamba kwemini amapolisa esenza uphando kwaye ekhangela abarhanelwa, kwafunyanwa ulwazi olukhomba abarhanelwa. Ekugqibeleni, abarhanelwa abane baye babanjwa eDutywa kwaze kwafunyanwa nezitshixo zeloli ababehambe nazo.

Oyena nobangela wokuvalwa kwendlela awaziwa ngamapolisa, nangona kunjalo amatyala okuxhwilwa kweelori, ukufunyanwa kwezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe kunye nomonakalo weziseko ezingundoqo abhaliselwe uphando.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ukwamkele ukubanjwa kwabarhanelwa. “Nangona siliqonda ilungelo labantu lokuvakalisa ukungoneliseki kwabo nangantoni na, i-SAPS nangona kunjalo ixhalabile kakhulu yindlela abantu abazivakalisa ngayo into elingana nokunyhasha ilungelo lomgaqo-siseko labanye abantu lokulwela inkululeko. Olu hlobo lokuziphatha aluyi kunyanyezelwa kwaye abo baqhubeka bewela umgca kulo mba ngokuqinisekileyo baya kuzifumana besemva kweengcango zentolongo. Kukho iindlela ezilawulwayo nezamkelekileyo abantu abazisebenzisayo ukuhambisa iinkxalabo zabo. Abo bakhetha ukungawahoyi la majelo baya kuqhubeka bezityhola.” U-Lt Gen Mene waqukumbela.

Abarhanelwa ababanjiweyo balindeleke kwinkundla kamantyi yaseDutywa ngoMvulo umhla weshumi elinesihlanu kuCanzibe ngo2023 emva kokuba bebekwe ityala.

Isiphelo

*Imibuzo*: UBrigadiya uTembinkosi Kinana
Iseli: 0823017699

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks