Uzakuvela kwinkundla kaMantyi yaseGreat Brak owasetyhini osolwa ngokuhlaba umtwana oneminyaka emine(4) ubudala

*Uzakuvela kwinkundla kaMantyi yaseGreat Brak owasetyhini osolwa ngokuhlaba inkwenkwana eneminyaka emine ubudala*

Ikwimeko ezinzileyo kwisibhedlele iMossel Bay Provincial inkwenkwana eneminyaka emine yaseWolwedans eGreat Brak, emva kokufunyaniswa inamanxeba okuhlatywa.

Isithethi samapolisa kula ngingqi uKapteni Laurianne Botha uthi kubanjwe ummelwane oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala, kwinjikalanga yangoLwesibini malunga nesi siganeko. Uthi ixhoba beliphantsi kweliso lomrhanelwa kwindlu eseWolwedans ngethuba kusehla esi sihelegu.

Lo kaBotha uthi umama womntwana wothuke xa eyokumphuthuma kummelwane, wafika enamanxeba okuhlatywa, engalweni, entloko nasemqolo. Uthi umrhanelwa ubanjiwe, kwathinjwa nemela ekurhaneleka ukuba isetyenzisiwe ekuhlatyweni kwale mveku.

Umrhanelwa uselugcinweni lwamapolisa sithetha nje, kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi yaseGreat Brak kungentsuku zatywala, ejamelene netyala lokuzama ukubulala.

Ingxelo: Mncedi Mbombo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA