Kwiinzame zokusiphula neengcambu ulwaphulo-mthetho kwizitalato zaseMthatha, igqiza laseMthatha libambe abarhanelwa abane abangamadoda aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu (30) namashumi amane (40) ubudala ngokuphanga ushishino eMthatha Slovo Park ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anesibini kweyoMqungu 2025.
Iqela lobuchule le-SAPS libone imoto ebalekayo, ekuthe kwayiwa kuyo ngobuchule ku-R61 ngakwigaraji engasebenziyo yakwaSasol nekhokelela ekubanjweni kwamadoda amane afunyenwe nempahla ezibiweyo.
Phakathi kweempahla ezifunyenweyo ibiyimibhobho yokuhlamba kunye neendidi ezahlukeneyo zecuba (ii-Ceaser, 777 Gold, Peter Stuyvesant, Dunhill, njl.njl) ezixabisa i-R15 000,00. Umpu we-9mm ongenalayisenisi onenombolo ecinyiweyo nawo ufunyenwe ukwingxowa yesilingi, kwaye akukho mrhanelwa ufuna ukubanga ubunini. Bobane abarhanelwa bazakuvela phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha namhlanje umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMqungu.
Bajongene nezityholo zokuphanga ishishini nokuba nemipu engekho phepha-mvume kunye neembumbulu.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uliqhwabele izandla igqiza le-Tactical ngokuzibophelela ekulweni ulwaphulo-mthetho kwesi sithili ngeyona migangatho iphezulu yokuzinikela.