32.1 C
King William's Town
Monday, December 9, 2024

Kubanjwe abarhanelwa abathathu eMonti malunga nezityholo zoxhwila.

Amapolisa eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abathathu (3) malunga nokuxhwilwa kommi wase-China eQonce, ngoMgqibelo odlulileyo.

ISithethi samapolisa uSiphokazi Mawisa uthi ixhoba lihlangulwe ngamapolisa kwindlu eseMooiplaas kude kufuphi naseMonti. UMawisa uthi abaqweqwedisi bafuna imali angangamakhulu amathathu anamanci mahlanu amawaka (R350 000) eerandi, eyahlawulwa ngumntakwabo ixhoba owathi kamva waxhwilwa naye, kodwa akakafunyanwa okanye akhululwe.

UMawisa uthi esi sithathu sijongene nezityholo zokuxhwila, ukuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume kunye neembumbulu ezininzi kwaye bazakuvela kwinkundla kamantyi waseMonti kungekudala.

“Amalungu aphantsi kwabecuphi baseMonti, iK9 kunye namagosa okhuseleko abucala baye basebenza belandela ulwazi olubakhokele kumzi womnini weteksi kwindawo yasePalana, eMooiplaas ngaphandle kwaseMonti. Athe xa amapolisa esondela kulo mzi, angena ngobuchule, kwaza kwafunyanwa ummi waseChina owayexhwilwe eQonce ngoMgqibelo we-27/07 endlini yakhhe, engenawo nomkrwelo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
38 %
1.9kmh
3 %
Mon
32 °
Tue
30 °
Wed
30 °
Thu
26 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks