UBathandwa Dukashe, umseki we-IGugu Lelethu Holdings, unochulumanco ukubhengeza imisitho emibini ebalulekileyo kule nyanga yeThupha. UMnyhadala woNobuhle ka-Miss Duncan Village kunye noSuku lweSisa zimiselwe ukuzisa ulonwabo kunye nenkxaso eluntwini.
Usuku lweSisa: 09 EyeThupha 2024 kanti Ukhuphiswano loNobuhle: nge-10 EyeThupha 2024.
IMiss Duncan Village ngumsitho wolutsha wokubonisa ukuzithemba, ubukrelekrele, ubuhle, kunye netalente yabo. Abathathi-nxaxheba bazakubonisa izakhono zabo zokudanisa, kwaye bacule. Lo mnyhadala ujolise ekugcineni abantwana esikolweni bangabikho ezitalatweni, ukonyusa ukuzithemba kwabo kunye nokuzithanda.
Lo msitho wonobuhle uqale ngo-2020. Kulo nyaka siphawula umjikelo wesithathu walo mnyhadala. Nangona usemncinci ngenxa yokunqongophala kwezibonelelo kunye nenkxaso, IGugu Lelethu Holdings izithembile ngokukhula kwayo. Amabhaso abaphumeleleyo kunye nabathathi-nxaxheba abandakanya izithsaba, iindebe, iimbasa, kunye neengxowa zezipho.
Ngolu suku lweSisa, Igugu Lelethu Holdings izakuxhasa abantu abahlelelekileyo eDuncan Village eMonti. Lo msitho uzakuqhutyelwa kumabala ezemidlalo eSoga, nalapho kuza kunikwa abantu abangamakhulu amahlanu ukutya, ze kunikwe iipasile zokutya kwiintsapho ezichongiweyo ezingathathi ntweni.
Sithetha nje, IGugu Lelethu Holdings ayibhaliswanga njengoMbutho ongeNzuzo (NPO), nto leyo eyenza kube nzima ukufumana inkxaso. UBathandwa Dukashe uhlala esebenzisa izixhobo zakhe ukulungiselela le misitho. Nangona kunjalo, kukho ithemba lokuba ukubhaliswa njengeNPO kuya kuzisa ubambiswano oluninzi kunye namathuba okugaya ulutsha oluninzi kwaye luququzelele imisebenzi emininzi. Kukwakho ithemba lokuba umasipala ombaxa wase-Buffalo City (BCMM) uzakuyixhasa iminyhadala ezayo, uncede ukwakha ikamva eliqaqambileyo kulutsha lwasekuhlaleni.
Abantu abanomdla wokunikela ngesandla okanye ukufaka inkxaso kule minyhadala, bamnkelekile kwaye banganxulumana noBathandwa kuleNombolo: 073 771 6810
IGugu Lelethu Holdings izinikele ekwenzeni impembelelo eyakhayo kwaye ijonge phambili kwinyanga yalemisitho ukuba ibe yimpumelelo.