24 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Kubanjwe abarhanelwa kunye nemipu engena mpepha-mvume kwiSithili saseO.R Tambo.

Kule veki iphelileyo amapolisa ase-OR Tambo benze umsebenzi wokuguzula ulwaphulo-mthetho eO.R Tambo besenza ixesha leziyunguma elikhuselekileyo kumntu wonke.

Isibhozo imipu efunyenwe ingenampepha-mvume kunye neembumbulu ezininzi kwizandla zezikrelemnqa, kanti indawo yaseBityi nayo yongeza ngemipu emithathu emveni komsebenzi wobuntlola.

Abarhanelwa abasixhenxe baye babanjwa babekwa izityholo zokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwelayisenisi kwaye bazakuvela kwiinkundla zikaMantyi ezohlukeneyo kwiSithili sase-OR Tambo.

Ngogqogqo lobusela bemfuyo kunye noncedo oluvela kuluntu, ikhulu elinamashumi asibhozo anesithandathu (186) leegusha zifunyanwa eMqanduli, kuTsolo kanti kuQumbu ngamashumi alithoba ananye (91) yabuyiselwa kubanini bazo. Ngexesha logqogqo abarhanelwa abathandathu babanjwe ngenxa yokuba neegusha/imfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe. Amapolisa acela abo baphulukene neegusha zabo ngenxa yobusela ukuba bahlale betyelela iiOfisi zikamasipala ngeenjongo zokuzazisa.

Eli phulo likwakhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abalishumi elinesithandathu (16) abebefunwa ngamatyala ohlukeneyo aquka ukudlwengula, ukwaphula umyalelo wokhuseleko, ukubulala, ukudelela inkundla, ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.

Amagosa ezongenelelo nawokungenelela amaphulo esithili abambe abangeneleli abalishumi (10) abangekho mthethweni.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana uqhwabele izandla amalungu ngokusebenza nzima nokuzinikela ekulweni nolwaphulo-mthetho kwesi sithili.

“Masiqhubeke sicudisa abaphuli mthetho, sibafuthaniselele ukuze sifikelele kwinkqubela phambili ekhuselekileyo kwaye sibabambe,” uvale ngelo uMajor General Modisana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
24 ° C
24 °
24 °
59 %
4.8kmh
98 %
Wed
22 °
Thu
21 °
Fri
28 °
Sat
21 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks