Amalungu akwiSithili saseJoe Gqabi aqhubekile neenzame zokuphelisa ukwanda kwemipu engenazimpepha kwinyanga ka-Agasti ka-2024 njengoko abarhanelwa abalishumi (10) babanjwa, imipu elithoba (9) kunye neembumbulu eziyi-232.
Ngenyanga yeThupha, amapolisa kunye nabeCandelo labucala bathabathe inxaxheba kwi-Operation Shanela ngenjongo yokulwa nokuthintela ulwaphulo-mthetho. Ngexesha lo msebenzi amapolisa aqhube ukumiswa nokugqogqa, aqinisa ukubonakala aze alandelela ulwazi olwamkelekileyo ekwabelwana ngalo kubo. Emva koko baye basebenza ngokulandela ulwazi baza bafumana imipu eyahlukeneyo kunye nezixhobo ezahlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo.
Imipu eyohluthiweyo iya kuthathwa ze iphononongwe kwaye inokunxulunyaniswa nezenzo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela.
Aba barhanelwa baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amahlanu anesibhozo ubudala bavele kwiinkundla zikaMantyi ezohlukeneyo kwisithili saseJoe Gqabi.
UMkomishinala weSithili esiBambeleyo saseJoe Gqabi uBrigadier Asogran Naidoo uncome amalungu ngokubanjwa okugqwesileyo kunye nokuhluthwa kwemipu engenalayisenisi.
“Eli linyathelo elibalulekileyo kwiinzame zethu zokunciphisa udushe lwemipu nokugcina uluntu lwethu lukhuselekile, siza kuqhubeka sisebenza ngokuzimisela ekususeni imipu engagunyaziswanga ezitalatweni zethu,” uvale ngalo mazwi.