Kubanjwe indoda ngezityholo zokudlwengula umntwana wesikolo.

Kubanjwe indoda eneminyaka engamashumiamane nanye (41) ngempela nyanga yeKhala 2024.

Le ndoda ibibanjwe ngezityholo zokudlwengula umntwana wesikolo oqikelelwa kwiminyaka elishumi elinethoba ukuya kumashumi amabini ubudala. Lo mntwana, ogama lakhe lisaziwa nguEC Indaba, ubhale kwiqonga lakhe lezonxibelelwano echaza ngoku kuhlukunyezwa kwakhe, esithi kuhlukunyezwa kwaqala emveni kokuba kubhubhe umama wakhe, ze lendoda kunye nelinye ibhinqa bamthatha bamkhulisa njengowabo.

Konke oku kwenzeka ngethuba elibhinqa la le ndoda lisazi okwenzekayo kodwa lingathathi manyathelo ukukhusela umntwana. Lo mntwana uthi le ndoda yayizenzela kwilungu lakhe lobuntombi de wabe kanti uyanikezela wayeka nokuzilwela.

ISithethi samapolisa ePhondweni, uLieutanant Colonel Siphokazi Mawisa, ukugqinile oku ngelithi ityala lokudlwengula lavulwa kwaye le ndoda yabanjwa ze yavela kwinkundla kamantyi yaseQonce ngomhla weshumi elinesibini kweyeThupha 2024.

Idokethi linikezelwe kuDPP kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhini ngesigqibo emva kwengxelo yokurhoxa kwexhoba. Ityala alikarhoxiswa, kusalindwe isigqibo seDPP.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA