22.1 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Kubanjwe indoda ngezityholo zokuzama ukubulala owayesakuba ngunkosikazi wayo

Kulandela uphando ngokuduka kuka Desirre Baartman owaxelwa njengolahlekileyo ngoLwesithathu, ngomhla wesithandathu kweye-Simela, iinkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika nabacuphi base Bethelsdorp bavalele owayesakuba ngumyeni wakhe oneminyaka engamashumi amahlanu esithoba ubudala evalelelwa ngenjongo zokumbuza.

Kutyholwa ukuba esi sibini sasihlala kunye emva koqhawulo mtshato kwaye ngomhla okhankanyiweyo, iqabane lakhe labika ukuba ulahlekile ukusukela ngomhla wesithoba kweye-Silimela.

NgoLwesihlanu weshumi elinesithandathu kweye-Silimela nangoMgqibelo, weshumi elinesixhenxe kweye-Silimela, iingcali zophando-nzulu zeenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika ziyezaqhuba uphando ngokucokisekileyo endlini malunga nabuphi na ubungqina kwaye ngokusekelwe kuhlatyulo lwazo lokuqala, umyeni uye wabanjwa ukuze abuzwe ngakumbi. Umpu naye wohluthiwe.

Amapolisa okwangoku, avule ityala lokuzama ukubulala.

Amapolisa ayabongoza nakubani na onokuthi ancede ukuveza umkhondo ka Desiree Baartman okanye onokwazi ukuba uphi uyacelwa ukuba aqhagamshelane neenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika eBethelsdorp, igosa okanye umcuphi uBen Killian ku-072 342 7224,okanye umiso lwaphulo- mthetho ku-08600 10111, okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
22.1 ° C
22.1 °
22.1 °
60 %
1.6kmh
51 %
Fri
33 °
Sat
35 °
Sun
36 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks