UMphathiswa wezeMali uthi makwenyuswe iVAT okanye kuthotywe isibonelelo se-R350.

By Lilitha Phenduka.

Izigidi zoMzantsi Afrika azikwazi kufikelela kwisondlo esisiseko, kutheni ke ngoko umphathiswa wezemali esakholelwa ukuba iVAT inyuswe?

Oku kuza emva kokuba umphathiswa u-Enoch Godongwana edize imfuneko yokunyusa izinga le-VAT ukusuka kwishumi elinesihlanu seepesenti (15%) ukuya kwishumi elinesixhenxe (17%) kuhlahlo lwabiwo-mali luka-2025/2026 ukuze enze ingeniso eyongezelelekileyo yeebhiliyoni ezingamashumi amahlanu anesibhozo (R58m).

Noxa kunjalo uGodongwane usabambelele kwisigqibo sakhe sokwenyuswa kwe-VAT ukuze anyuse ingeniso, kwaye esikhaba isisombululo sokupheliswa kwe nkxaso-mali ye R350.

UGodongwana uthe, le nkxaso-mali ibisoloko iqondwa ukuba yinto yethutyana, kwaye walumkisa ngelithi ukuba urhulumente unyanzelisa ukuba ihlale ezincwadini ixesha elide kuya kufuneka kufunyanwe umthombo wengeniso ukuyixhasa ngemali.

Kuhlahlo lwabiwo-mali luka-2025 ebelugcinwe, i-R35.2 yeebhiliyoni yanikezelwa kwinkxaso-mali, ethe yanyuka ngexabiso ukusuka kwi-R350 yayo yokuqala ukuya kwi-R370 ngo-2024.

Othethela umphathiswa uMethi Oliver uthe, endaweni yokwenza uluntu lukhethe phakathi kwenkxaso yoluntu kunye neerhafu eziphezulu, mhlawumbi kufuneka babuze ukuba kutheni izigidi zezigidi zilahleka ngenxa yorhwaphilizo, inkcitho eyilahleko kunye nokuphathwa kakubi minyaka le.

Isithethi sezemali kumbutho we-Democratic Alliance (DA), uMark Burke ucele umngeni kwibango le-ANC lokuba ukunyuswa kwerhafu kuyimfuneko ukukhusela inkcitho yoluntu. Ugxininise ukuzinikela kwe DA ekulweni olunyuso. Uthe iDA iza kulwela uHlahlo-lwabiwo-mali olubeka phambili ukudalwa kwemisebenzi, inkcitho esebenzayo kunye nophononongo olubanzi lwenkcitho ukuze kupheliswe abasebenzi abaqashwe ngokungekho mthethweni kunye nenkcitho eyilahleko.

Kananjalo uPhumelela Sogiyo ongumhlali ugqinile ukuba izigqibo zombini azizukuncedisana noluntu oluhluphekileyo, ediza ukuba amaxabiso aphezulu, kwaye ukuba ayenyuswa kwakhona lonto ithetha ukuba bazakunzinyelwa kanobom.

Ukwathe, “xa kupheliswa esisibonelelo semali maninzi amakhaya azakutshona nzulu entluphekweni kuba le malana iya wenza umehluko omncinci ezindlini.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA