Namhlanje ngumdlalo omkhulu kwelaseNgilane ngethuba kuzakube kudlalwa umdlalo ozakubonisa ukuba ingaba leligi yeEPL izakuhamba neliphi na iqela.
Namhlanje umhla weshumi elinesine (14) kuqubisana amanye amaqela amakhulu eNgilane, iTottenham Hotspurs ihlinzeka iManchester City ngentsimbi yethoba (21h00) ebusuku.
Ukuba iTottenham iyibethile iManchester City namhlanje iyakube inika ithuba iGunners lokuphumelela lentshinga okokuqala kwiminyaka engamashumi amabini (20) yagqibela ukuyibamba, nalapho ukuba babethe iEverton kumdlalo wokugqibela.
Kwelinye icala iTottenham kunyanzelekile iwuphumelele umdlalo wawo neManchester City ukuba ifuna lendawo ilele kuyo iAston Villa nehleli ngamanqaku angamashumi amathandathu anesibhozo (68) yona iTottenham inamanqaku angamashumi amathandathu anesithathu (63).
Ukuba iManchester City iyawuphumelela lomdlalo iyakuphinda ibuyele kwindawo yokuqala (1) itsho ihle iArsenal iyotsho kwindawo yesibini (2).
Izakuba yinkwa nenkwa kulomdlalo weSpurs neeCitizens. Yisizini yokuqala yomqeqeshi weSpurs uAnge Postecoglou le, nebonwa njemgeqhube kakuhle ingakumbi enalo nethuba lokudlala kwiUEFA Champions League.
By Siphiwo Boqwana