16.2 C
King William's Town
Tuesday, October 8, 2024

Kubanjwe amasela emfuyo kwiSithili saseJoe Gqabi.

Asisipo Mkwini

Amasela emfuyo akhona naseLady Grey, hayi eNgcobo qha!

Kwiinzame zphulo oluqhubekayo lokuthintela ukubiwa kwemfuyo zize neziphumo ezincomekayo. Eli phulo libambe abarhanelwa ngokusebenzisana kwamalungu aphantsi kweCandelo Lokubiwa Kwemfuyo.

Kwiphulo lobuntlola ngoncedo lwamalungu asuka kwi-Stock Theft, i-K9 kunye ne-District Operation Command Centre balandele ulwazi ngesithuthi esasithutha iinkomo ukusuka e-Lady Grey ukuya eFreyistata. Ngoko nangoko badibana baze bamisa imoto emhlophe yohlobo lweToyota Single Cab enabantu ababini kunye nesikhoji esithwele iinkomo ezilithoba (9) phakathi kweLady Grey neAliwal North. Esi sithuthi sikhankanyiweyo sasikhatshwa yimoto yohlobo lweHonda Fit Sedan eBlue ngombala inabantu abane.

Kuye kwabanjwa abarhanelwa abathandathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namashumi amane anesihlanu (45) kuzo zombini ezi zithuthi. Kwaye iinkomo ezi zixabisa iR120 000-00 zizonke. Kuye kwaqhagamshelwana nomnini weenkomo kwacaca ukuba ziinkomo zakhe.

Kwimeko engahambelaniyo eBarkly East, amalungu afumene ulwazi oluncumisayo kumnini fama wesithuthi esirhanelekayo kule ndawo. Amalungu achonge le veni irhanelekayo ayimisa, ze athi akugqogqa isithuthi afumana iigusha ezimbini ezibiweyo. Indoda eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala yabanjwa.

Bonke aba barhanelwa bavele namhlanje izolo umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMsintsi 2024 eLady Grey nakwiNkundla kaMantyi yaseBarkly East.

UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem uqhwabele izandla amalungu ngokubanjwa ngempumelelo nokufunyanwa kwawo, kwaye uyayamkela impumelelo entle kumatyala okubiwa kwemfuyo nto leyo elulwaphulo-mthetho oluphambili kwiSithili sethu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
82 %
6.7kmh
48 %
Tue
16 °
Wed
31 °
Thu
36 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks