By Zizipho LiyaboNA Dungelo
Umdlwenguli obeduke malunga neminyaka esibhozo ubanjiwe emveni kokwenziwa kohlola lweDNA.
UGugu Honono oneminyaka engamashumi amathathu (32), ugwetywe oodilika jele ababini yiNkundla yaseMthatha kunye neminyaka engamashumi amabini anesihlanu malunga namatyala amathathu okudlwengula nokuphanga ngendlela egwenxa okwenziwa ngonyaka ka-2012.
Inkundla iyalele isigwebo seminyaka engamashumi amabini anesihlau (25) esongezelelekileyo, elishumi elinesihlanu (15) kwityala elinye lokudlwengula nelishumi lokuphanga, ukuba siqhube ngaxeshanye nesigwebo sobomi esinye entolongweni.
Inkqubo yekhompyutha yamapolisa yafumanisa ukuba ungumntu ofunwayo kuQumbu, kumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingamakhulu amathathu (300), nalapho kutyholwa ukuba udlwengule izihlandlo ezine.
UHonono waqala ukudlwengulwa kusisi wakhe owayeneminyaka elishumi elinesibini (12) ubuncinci kowabo ngobusuku bange-12 kaDisemba 2012. Wayefike kwilali yakhe yase Notsweleba enxilile efuna ukulala nomncedisi wekhaya owayeqeshwe ngutata wakhe kunye nomama wakhe wesibini. Kwathi xa umncedisi engafuni ukuvuma kwisicela sikaGugu sokuba babelane ngesondo, wahlasela intombi kanina waza wayidlwengula.
Le ntombazana incinci yabika ngodlwengulo kumama wayo ngengomso waze wayokuvula ityala. Nangona engahlali ekhaya ephepha ukubanjwa, wajolisa kwizifundiswa eziselula ezihlala kwimizi yabantu, eyaziwa ngokuba ngamagxamesi, kufutshane neShawbury Mission ekufuphi nelali yakhe kufutshane nesithili sikaQumbu.
Kwisiganeko sokuqala, wahlasela abaphengululi abane kwigumbi ababehlala kulo waza wabasongela ngemela. Amantombazana amathathu aselula akwazi ukubaleka kodwa wabamba eyona indala, eyayineminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala, wayidlwengula ngaphambi kokuba anyamalale.
Ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) ku-Okthobha 2014, wanyanzelisa ukungena kwigumbi eliqeshwe ngamantombazana amabini ngokukhaba ucango phantsi. Enye yala mantombazana yabaleka kodwa wabamba enye wayivala umlomo waze wamdlwengula emkhombe ngemela phambi kokuba aduke neselula yakhe.
Xa kuqalisa ukuxoxwa kwetyala, omnye ummangali kwizidlwengu ezine ezazinxulunyaniswa noHonono wala ukunika ubungqina esithi wayengafuni ukuvula amanxeba awayekholelwa ukuba sele ephola. Ngeso sizathu, iGqwetha loMbuso uBulelani Bidla akazange aqhubele phambili nelo tyala lokudlwengula.
Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uncome umtshutshisi kunye negosa eliphandayo ngokuqokelela ngobuchule ubungqina, esithi utshutshiso oluyimpumelelo lubonelela ngobulungisa ekudala bulindelwe.