Kubhubhe abantu ababini kwiziko lokuvelisa iintsimbi eCoega

Kubhubhe abantu ababini kwiziko lokuvelisa intsimbi eCoega, eGqeberha ngoLwesibini
Umhla weshumi elinesine kuCanzibe.

Esisehlo kudizwa ukuba senzeke emva kwemini, iinkcukacha azicacanga kwaye amapolisa awabanga nakuqinisekisa ukuba kwenzeke ugqabhuko-dubulo, njengoko oku kuxelwe ngamalungu oluntu.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi amapolisa kunye nabasebenzi benkonzo kaxakeka baphendule kwesi sikhalazo malunga nentsimbi yokuqala emva kwemini.

“Kutyholwa ukuba amadoda aneminyaka engamashumi amathathu enethoba (39) kunye neneminyaka enagamashumi amane anesibhozo (48) ubudala abhubhile ngelixa abanye ababini abasebenza nabo abaneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) kunye neminyaka engamashumi amane anethoba (49) ubudala benamanxeba okutsha kwaye basiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango.

“Okwangoku, akukacaci ukuba kwenzeke ntoni na kwaye kwavulwe uphando ukuze kuqhutyekwe nophando,” utshilo. Amagama ababhubhileyo asankonyiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA