UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth, uzakwazisa unokontraka omtsha kuluntu.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth, uzakwazisa unokontraka onikwe imali efikelela kumakhulu amahlanu anamashumi amathandathu ezigidi zeerandi (R560-million) yokwakha isibhedlele esizakuba sesodidi oluphezulu kweliziko ngomso ngomhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe ngo2024.

Ukwaziswa kwekontraka kunye nokunikezelwa kwesiza kwisibhedlele saseMadwaleni, kuya kuba kusuku emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa etyikitye uMthetho oYilwayo we-NHI ukuba ube ngumthetho.

Sakuba sigqityiwe, isibhedlele saseMadwaleni siza kuba liziko le-NHI elifana nezinye izibonelelo zezigidi zeerandi ezifana neZiko lezeMpilo loLuntu laseFlagstaff, isibhedlele saseSipetu kunye nesibhedlele seTB saseKhotsong, phakathi kwezinye.

Ukwakhiwa kwesibhedlele saseMadwaleni yinxalenye yezicwangciso zesebe lophuhliso lweziseko ezingundoqo zokuqinisekisa ukuba zonke izibonelelo zempilo ziyahlangabezana neyona migangatho isezantsi kwaye ziyilungele i-NHI.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA