Kubhubhe abantu abahlanu, kwalimala abangama-60 Kwingozi Yebhasi ne VW Polo kwindlela u-N6

Kubhubhe abantu abahlanu ze konzakala abantu amangamashumi amathandathu (60) emva kokuba ibhasi kunye ne-VW Polo zingqubane ngqo okweenkunzi zegusha kuhola wendlela u-N6 phakathi kwaKuGompo City (eEast London) neStutterheim ngobusuku bangeCawa umhla wesibhozo (8) kweyoKwindla.

Ibhasi, ebeyithwele abantu baseZimbabwe abamalunga namashumi asithandathu (60), ibisiya eStutterheim xa ithe yangqubana ne-VW Polo ebeyihamba kwicala layo.

Ukanti esisithuthi sakwa Polo besikhwelise abantu abahlanu kuyo ngexesha lesehlo nethe yavaleleka ngaphantsi kwebhasi, kwaye amaqela okuhlangula asebenzise amandla ukuzama ukukhupha imizimba yamaxhoba.

Abo balimale basiwe kwizibhedlele ezikufutshane ukuze bafumane unyango. Amapolisa avule amatyala okubulala ngokungezonjongo kunye nokuqhuba ngokungenankathalo ngelixa uphando luqhubeka.

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha udlulisele amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba kwaye unqwenela ukuba abo balimale kulengozi baphile ngokukhawuleza, ebongoza abaqhubi ukuba bathobele imithetho yendlela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA