Umasipala wase Chris Hani wenze unxibelelwano phakathi kwabafundi kunye namapolisa ukugxotha ulwaphulo-mthetho ezikolweni

Zizikolo samabanga aphakamileyo ezingamashumi amabini anesithandathu (26) zizonke kwiindawo ezahlukeneyo ezithathe inxaxheba kukhuphiswano, apho abafundi babonisa ngesihloko esithi “Ukhuseleko lweSikolo” njengenxalenye yemizamo yokukhuthaza umyalezo othi “Akukho lwaphulo-mthetho ezikolweni.”

Eli phulo liqinisa intsebenziswano phakathi kwezikolo kunye neNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika (SAPS) ekwakheni iindawo zokufunda ezikhuselekileyo.

Ukhuphiswano lwalukhokelwa ngobambele njengomphathi wamapolisa uNkumanda Colonel Simayile wesikhuluko samapolisa eKomani, kunye nabagwebi kunye nabadlali abavela kwiSebe loPhuhliso loLuntu, iSebe loKhuseleko loLuntu, iSebe leMfundo, uThintelo loLwaphulo-mthetho loMoya kunye nenkonzo yesipolisa gabalala.

Ukanti ekugqibeleni kwalentlangano iziphumo zidize ukuba kwisikhundla sesine (4) Umphathi weCandelo labacuphi beSithili: uKamvelihle Mtyhobile waseSixishe Senior Secondary School, eZibeleni

Isikhundla sesithathu (3) Umphathi weSithili seVispol: uSinesipho Mnyamana waseThozana Senior Secondary School, eGlen Grey

Isikhundla sesisibini (2) Usekela-Komishinala weSithili: uKhazimla Sam waseMaria Louw High School, eMlungisi kunye
Isikhundla sokukuqala (1( Umphathi weSithili seJunior: uSiphosethu Mbityana waseSt James High School, eCofimvaba

Ngexesha lokwamkelwa kwakhe, uSiphosethu Mbityana wavuma ubukho beNkosi ebomini bakhe waza wathembisa ukuba uza kwenza impembelelo entle ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho kwizikolo ezikwindawo asebenza kuyo.

Imiyalezo yenkxaso ihanjiswe nguMphathi weSithili wezoKhuseleko loLuntu, uMnu Sikwebu, kunye noMnu. P Nkele waseSebe leMfundo, uKhuseleko lweSikolo abavakalise ukuzithemba ukuba amanyathelo obunkokeli bolutsha aza kuncedisa kwizikolo ezikhuselekileyo.

Egameni loMphathi weSithili, uColonel Mtatase ubulele bonke abachaphazelekayo, abaququzeleli, kunye nezikolo ezithathe inxaxheba ngokwenza lo msitho ube yimpumelelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA