16.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Kubhubhe abantu abahlanu kwingozi yemoto cebukuhle eAdelaide.

Bahlanu abantu abaphulukene nobomi babo ze konzakala isibini kwingozi yemoto ethe yabhukuqa phakathi kwase Berdford nase Adelaide.

Kubhubhe abantu abahlanu ngelixa ababini bonzakele ngokumasikizi, emva kokuba imoto enye iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kuhola wendlela uR63 eBedford ukuya eAdelaide.

Le ngozi yenzeke ngobusuku bangoMgqibelo umhla wesithandathu (6) kulenyanga kwimizuzu nje engabashumi amabini ibethile intsimbi yeshumi (22H20) kwi Khilomitha ezintathu (3km) xa uzakungena kwidolophu yase Adelaide.

Isithuthi sakwaRenault Sandero besisuka e-Adelaide sisingise e-Bedford, sinabakhweli abasixhenxe (7) ababhinqileyo bebathandathu (6), nendoda kuquka intwazana enesixhenxe (7) seminyaka ubudala

Iingxelo zidiza ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi, sabhukuqa, kwasweleka abantu abane (4) kwindawo yexhwayelo, ngelixa omnye eye wabhubha ekufikeni kwakhe kwisibhedlele saseBedford.

Kwababhubhileyo ngamabhinqa amane (4), kuquka intombazana eneminyaka esixhenxe (7) ubudala kunye nomqhubi oyindoda.

Abasetyhini ababini (2) bonzakele kakhulu kwaye basiwa kwisibhedlele sePhondo sase-Bedford ukuze bafumane unyango olongezelelweyo.

Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.

Ityala ledokethi lokubulala ngokungena njongo livuliwe eBedford SAPS ukuze kuphandwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
61 %
2.9kmh
0 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks