Kunamasebe anoosekela-baphathiswa ababini kwilizwe loMzantsi Africa.

UKhumbudzo Ntshavheni uthi ukwanda kwamalungu ekhabinethi kweli, sisiphumo seziphumo zolonyulo lamva nje.

UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi ukwanda kokugxekwa kobukhulu besigqeba esitsha solawulo sikazwelonke sisiphumo seziphumo zolonyulo lwakutsha nje kunye nesidingo sokuqukana.

IKhabhinethi entsha inamalungu angamashumi asixhenxe anesithandthu (76), aquka abaPhathiswa aba ngamashumi amathathu anesibini (32) kunye nooSekela baPhathiswa aba ngamashumi amane anesithathu (43).

IGNU iquka iANC, IFP, Good Party, Inkatha Freedom Party, Patriotic Alliance, Pan African Congress of Azania, Freedom Front Plus, United Democratic Movement, Al Jama-ah, Rise Mzansi, United African Transformation, nezinye.

UNtshavheni uthi kuqwalaselwe ezinye izinto ezifana nobume belizwe, ubukhulu belizwe, ulutsha kunye nokumelwa ngokwesini.

Uxelele oonondaba beSABC ngoRhulumente omtsha woManyano lweSizwe ePalamente ngoLwesihlanu umhla wesihlanu kweyeKhala .

Esithi ngenxa yesiphumo solonyulo kunye nesivumelwano sokuseka uRhulumente woManyano lweSizwe, kwakungasena kwenzeka ukuba uMongameli azalisekise isibhambathiso awayesenze ngaphambili sokunciphisa inani lezikhundla kwiSigqeba seSizwe. Kwaye esithi bakutsho oku kuba bekukho intetho yesigqeba sesizwe esizeleyo.

Kusenjalo, akuba ebhengeze amalungu amatsha eKhabhinethi, uMongameli Cyril Ramaphosa uqaphele ukuba akunakwenzeka ukunciphisa inani lezikhundla kwiKhabhinethi yakhe, nto leyo ebangele ukuba amanye amasebe ngoku abe nooSekela-Baphathiswa ababini.

Zimbini Mdolomba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA