12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Kuqweshe ibanjwa eCala, lijonge ukuxoxa ityala lalo

Abecuphi kwiNkonzo yesipolisa bakhangela ibanjwa elisalindele ukuxoxwa kwetyala nekutyholwa ukuba luqhawule elugcinweni lwamapolisa ngokuhlwa kwangoMvulo umhla wama-25 July 2022 malunga nentsimbi yesithandathu(18:00)kwisikhululo samapolisa saseCala, kwiSithili saseChris Hani.

Ngokweengxelo, amapolisa ebethutha amabanjwa ebuyela kwintolongo yaseSada ngethuba umrhanelwa uConstable Mfundo Ntshiba eqhwesha ngethuba esohliswa kwisithuthi samapolisa. Umrhanelwa uqale wabanjwa, ebanjelwa ukuqhekeza izindle, ukuxhwila(Kidnapping) kwenye yeendawo zaseCala.

Uvele enkundleni ngoMvulo umhla wama-25 kweyeKhala ngo-2022, kodwa kamva wabaleka emva kokubuya enkundleni. Ityala lokuqhwesha elugcinweni elingekho mthethweni livulelwe yena ukuze aphandwe. Iimeko athe waqhwesha phantsi kwazo umrhanelwa zikwayinxalenye yophando. Abalawuli bamaPolisa baseke iQela eliSebenzayo ukuze lilandele umkhondo, lihambe lize lifumane ipholisa elibalekayo. Uphando luyaqhuba.

  • Kucetyiswa abahlali ukuba bangazami ukumbamba umrhanelwa, nanjengoko kukholelwa ukuba unobungozi, kwaye nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubeni abanjwe kwangoko uyacelwa ukuba aqhagamshelane noSgt Unati Kula ku-0717713316 okanye nasiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks