11.9 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Ukhululwe nge bail owasetyhini otyhole abakwasindlondlo ngokumdlwengula

Unikwe ibheyile yamakhulu amabini eerandi (R2000) owasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala waseGqeberha emva kokuvela enkundleni ngoMvulo ngezityholo zobuxoki zokudlwengulwa ngamapolisa.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthe uZiyanda Papu uvele kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton ngezityholo zobuxoki kunye nokoyisa ubulungisa.

UPapu ugcinwe eluvalelweni ngempelaveki emva kokuba kubizwe amapolisa ukuba aye kulamla izikhalo kwindlu ethile Kwazakhele.

UNaidu uthi isoka lakhe labiza mapolisa kulandela ingxabano phakathi kwaba babini ngethuba besela nabahlobo babo.

“Lo wasetyhini owayerhayiza, engxola ekwazintyintye ngebhelu lomsele, uye wathathwa ngamapolisa wasiwa kowabo, emva koko wabuyela kwindlu yesinqanda-mathe sakhe, etyhola ngelithi la mapolisa ebehamba nawo amdlwengula,” utshilo.

UNaidu uthi uPapu usiwe kwiziko lengxaki kwisibhedlele sasekuhlaleni kwaze kwavulwa ityala lodlwengulo.

Nangona kunjalo, uthe ngexesha lophando kuye kwavela ukuba lo wasetyhini “wayila isityholo sakhe ukuze afundise isithandwa sakhe isifundo” kungoko kwavulwa amatyala ngakuye.

“Wakhululwa ngebheyile yeR2000, ityala lizabuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesixhenxe kuJanuwari ngo2024,” utshilo uNaidu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
82 %
1.5kmh
99 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks