19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Kubiwe usana olubomvu kwisibhedlele sePhondo leMpuma Koloni.

Abakwantsasana eAlgoa Park bakhangela umrhanelwa otyholwa ngokuxhwila usana oluyinkwenkwe oluneentsuku ezine(4) kuphela luzelwe.

Oku kusemva kokuba umzali wolusana noluqikelelwa kwinyaka engamaShumi amathathu anesithathu(33) ubudala ogama linguNoncedo Jali nobeleke umntwana oyinkwenkwe ngomhla we22 kweyeNkanga 2022 eDora Nginza. Lowasetyhini uthe waphuma nge27 yalenyanga egoduka.

Umrhanelwa obhinqileyo ongaziwayo nozenze umntu othunywe lusapho ukuba aze kuncedisa uJali, emva koko wahamba noJali ukuya eKenako Mall ngeliyo kukhupha imali kunye nokuthengela umntwana impahla, kwindawo yoshishini ephithizelayo. Umrhanelwa ke kuvakala ukuba uye wabaleka nolosana lubomvu kwesosiphithiphithi.

Kuqulunqwe ikiti yomrhanelwa kwaye nabani na onokunceda amapolisa ekuchongeni lomtu wenze esisenzo eze ngaphambili okanye umtu amaziyo apho akhoyo angatsalela icandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana namaTyala ezeSondo, umcuphi uSajini uSizile Sindi ku-082 303 0249 okanye atsalele umnxeba. 08600 10111

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks